Home ๐ŸŽฌ Bollywood ๐ŸŽต Pakistani ๐ŸŽค English Pop

Indonga

๐Ÿ‘ค Amanda โ€ข ๐ŸŽผ Zola Ntliziyo โ€ข โฑ๏ธ 4:20
๐ŸŽต 1158 characters
โฑ๏ธ 4:20 duration
๐Ÿ†” ID: 17749209

๐Ÿ“œ Lyrics

Nguban' Obenokuyifunda Lencwad' Inamatywina
Nguban' Obenokuyilesa Amatywina Asixhenxhe
Kwakumele Ndifundile Ngokungazi Nam Ndinetyala
Kwakumele Ukuba Ndiqiqile Intswelalwazi Bubuyatha

Zazindivalele (Ndithetha Ngendonga)
Zazindivalele (Ndithi Ndonga)
Zazindivalele (Indonga, Indonga, Indonga)

Us'thathaphi Isibind' Esingaka Sokundakhela Amayelekenqe
Sivela Isibind' Esinje Sofun' Ukundifaka Emanyaleni
Hhayi Ndiyabona Awazi Ngekuzigqibe Izinto Ngek' Uzazi Zonke
Hhayi Ndiyabona Ndijonge Phambi Kwamehlo Wakho Oh

Zazindivalele (Ndithi Indonga)
Zazindivalele (Indonga Ngabantu)
Zazindivalele (Ngoba Indonga Zizinto, Izinto Zikutsalel' Emva)

Bekumele Ndijikelwe Zizihlandlu Ezingaka
Bekufanele Ndijikelwe Zizihlandlu Ezingaka
Kwakumele Ndizidilizil' Indonga Ah

Oh Ndizawuhamba Ndingena Valo Lwanto
Ndizawuhamba Ndingenak' Ukweyika
Ezindonga Ndizazidiliza Noba Kunjani
Indonga Ndizazidiliza Noba Kutheni Na

Zazindivalele (Ndithi Indonga Ngabantu)
Zazindivalele (Abantu Abafuna Ukukubona Uwela Emhlabeni)
Zazindivalele (Ndithi Indonga Ngabantu, Indonga Ngabantu)

Abafuna Ukukubona Uwela Emhlabeni

Zazindivalele (Ndonga)
Zazindivalele (Ndonga Zazindivalele)

โญ Rate These Lyrics

โ˜†โ˜†โ˜†โ˜†โ˜†
Average: 0.0/5 โ€ข 0 ratings